ukuqiniseka, ukusebenza kunye nokuziphuhlisa uziqhelanisa nokuninzi kuba usiba mdala inokuba ziziphumo zenkuthalo yabantu abadala ngokwabo, ngenxa yenani labo elikhulayo kunye nefuthe labo. Ukuqonda nje ukuba umdala yinto emanyayo leyo kwintlalo, kwaye ingaba yinto eqinisekisayo"
Inani elikhulayo leentsapho ezichatshazelwa ngubhubhane we-HIV/AIDS lichaphazela abantu abadala. Iziphumo zesibetho se-HIV/AIDS zikwaphazamisa izakhiwo zeentsapho. Inani elikhulayo labantwana baba zinkedama ngokusweleka kwabazali babo ngenxa yezifo ezinxulumene ne-HIV/AIDS. Oku kushiya kuphela abantu abadala ukuba babakhathalele. Abantu abadala kwiintsapho ezichatshazelwe ngubhubhane we-HIV/AIDS baye bazifumane benoxanduva olukhulu lokukhathalela amalungu agulayo okanye aswelekayo ngokunjalo noxanduva lokukhathalela abazukulwana babo abaziinkedama.
IIMPEMBELELO KWIINTSAPHO
Kuhlala kuthathwa ngokuba iintsapho ezosulelwe/ezichatshazelwe sisibetho se-HIV/AIDS ziyakwqzi ukukhathalela amalungu azo agulayo. Izigulane ze-HIV/AIDS zifuna impilo, amandla, izibonelelo zezimali kunye nokuzibophelela okuluqilima bokuhamba umgama ongaphaya ukufumana oku. Abantu abadala abasele nomthwalo wokukhathalela abazukulwana bajongana nomnye umqobo xa bezama ukufikelela koku kulandelayo:
Iziqinisekiso zokuzalwa zabazukulwana babo. (Le yingxaki eqhelekileyo yabantu abadala abakwimimandla yasemaphandleni ekufuneka bakhathalele abazukulwana babo, ingakumbi abo bantwana bebehlala ezidolophini okanye kumazwe angabamelwane).
Ibala elibekwa abantu abasweleke ngenxa ye-HIV/AIDS luluntu likwakhulisa ubunzima bomntu omdala ekubeni ajongane nokusweleka kwamalungu akhe osapho. Umzekelo abantu abadala ekufuneka basebenze ngabantwana abaziqhelanisa nendawo entsha ngaphandle kwabazali babo.
ABANTU ABADALA NGABAKHATHALELI NGOKWENDALO
Abantu abadala ngabakhathaleli ngokwendalo kwaye kufuneka banikwe isiseko senkxaso efunekayo ukuze babe nako ukumelana noxanduva olongezelelweyo lokukhathalela amalungu osapho agulayo kunye nabazukulwana babo abaziinkedama, ingakumbi ngenxa ye-HIV/AIDS.
Kubalulekile ukubaqonda abantu abadala ngokufaka kwabo isandla kuqoqosho lwelizwe ngezandla zabo kunye nokukhathalela abazukulwana ababo xa abazali babo bengekho besemisebenzini okanye beswelekile ngenxa yobhubhane we-HIV/AIDS.
NCEDA NGOKUNIKA INKXASO KUBANTU ABADALA
Ukuquka kumzamo owamkelwe ngabantu abadala kunye nokubavuma njengabantu ekunokubonelwa kubo, iSebe loPhuhliso lweNtlalo linika iinkonzo eziquka:
Iinkonzo zeengcebiso kwiintsapho ezichatshazelwe ngubhubhane we-HIV/AIDS. Oku kwenziwa ngokuxhasa izakhiwo ezisekelwe kuluntu, ezisebenza, ngamalungu eentsapho onzakele emiphefumlweni.
Ukusasazwa kolwazi ngeencwadana ezineengcebiso ezinokwenzeka zokuba ungafikelela njani na kwinkxaso yemali kunye nokwazi amalungelo akho njengomxhamli.
Icandelo lezoshishino, uluntu, imiButho esekelwe kwinkolo kunye nengekho phantsi kukaRhulumente nayo ikwancedile ekuqinisekiseni ukuba iinkonzo kubemi abaneemfuno.
IINKONZO ZESEBE ZIFUMANEKA KWEZI OFISI ZILANDELAYO
KUMNTLA NTSHONA INOMBOLO YOMNXEBA 018 384 5402
EMPUMALANGA INOMBOLO YOMNXEBA 013 766 3008
ENTSHONA KOLONI INOMBOLO YOMNXEBA 021 483 4682
EMPUMA KOLONI INOMBOLO YOMNXEBA 040 609 5326
EMNTLA KOLONI INOMBOLO YOMNXEBA 035 874 9133
iNombolo yaSimahla: 0800 60 10 11
